Testamente Endala

Testamente Entsha

Kutito 3:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu;

7. ukuze sithi, sígwetyelwé ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.

8. Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu.

9. Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto.

10. Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale;

11. ùsazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; ùyona, ezigwebile ngokwakhe.

12. Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.

13. UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, báxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto.

14. Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo.

15. Bayakubulisa bonke abanam. Babulise abo basithandayo ngokwaselukholweni.Ubabalo malube nani nonke. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kutito 3