Testamente Endala

Testamente Entsha

Kutito 3:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo.

2. Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke.

3. Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana.

4. Kodwa kuthe kwakubonakala ububele bukaThixo, uMsindisi wethu, nokuthanda kwakhe abantu,

5. kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele;

6. awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu;

7. ukuze sithi, sígwetyelwé ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.

funda isahluko epheleleyo Kutito 3