Testamente Endala

Testamente Entsha

Kutito 2:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;

12. lusiqeqesha ukuze sithi, síkuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;

13. sílinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu,

14. owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.

15. Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo.

funda isahluko epheleleyo Kutito 2