Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 9:2-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele.

3. Emva ke kwesesibini isikhuselo, kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele;

4. unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya* yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso.

5. Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi* zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku.

6. Ke kaloku, zakubon' ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bángena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imibuso kaThixo.

7. Kodwa kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, engangeni engenagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yokungazi kwabantu.

8. Abe ngoku uMoya oyiNgcwele esazisa ukuthi, indlela eya kweyona ngcwele ayikabonakalaliswa, umnquba wokuqala usemi;

9. wona lo ungumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ngokwesazela ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 9