Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 9:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungàze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo.

18. Ekuthe ngoko nowokuqala àwasungulwa kungekho gazi.

19. Kuba kuthe, kwakubon' ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope,* wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;

20. esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo.

21. Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi.

22. Kananjalo ngokomthetho ndingáde ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.

23. Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjulùlwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjulùlwe ngamadini alungileyo kunalawo.

24. Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungené kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.

25. Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into;

26. okanye angé emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.

27. Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:

28. ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 9