Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 9:11-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo,

12. wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.

13. Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama:

14. lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?

15. Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon' ukuba kubékho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.

16. Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo.

17. Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungàze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo.

18. Ekuthe ngoko nowokuqala àwasungulwa kungekho gazi.

19. Kuba kuthe, kwakubon' ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope,* wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;

20. esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo.

21. Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi.

22. Kananjalo ngokomthetho ndingáde ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.

23. Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjulùlwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjulùlwe ngamadini alungileyo kunalawo.

24. Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungené kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.

25. Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 9