Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 7:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.

9. Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isihumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;

10. kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.

11. Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angàbizwa ngokohlobo luka-Aron?

12. Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho.

13. Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo.

14. Kuba kusekuhléni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.

15. Kwaza kwasekuhléni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,

16. ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.

17. Kuba ungqina ngokuthi,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)

18. Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo

19. (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 7