15. Kwaza kwasekuhléni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,
16. ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.
17. Kuba ungqina ngokuthi,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)
18. Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo
19. (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.
20. Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungàbangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;
21. kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):(INdum. 110:4)
22. ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.
23. Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;
24. ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.