Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 7:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kuba kusekuhléni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli.

15. Kwaza kwasekuhléni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,

16. ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.

17. Kuba ungqina ngokuthi,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)

18. Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo

19. (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.

20. Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungàbangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;

21. kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):(INdum. 110:4)

22. ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.

23. Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;

24. ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 7