Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 7:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba lo Melkitsedeke,* kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;

2. awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;

3. engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.

4. Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wàthi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha.

5. Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.

6. Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.

7. Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.

8. Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.

9. Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isihumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;

10. kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.

11. Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angàbizwa ngokohlobo luka-Aron?

12. Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho.

13. Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 7