Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 6:5-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. bàyiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,

6. bàza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhléni.

7. Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo;

8. ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni.

9. Ke ngáni nina, zintánda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;

10. kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiseleláyo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.

11. Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;

12. ke nibe ngabaxelisa abo bàthi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.

13. Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena, esithi,

14. Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.

15. Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.

16. Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, síthi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 6