Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 6:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;

12. ke nibe ngabaxelisa abo bàthi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.

13. Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena, esithi,

14. Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.

15. Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.

16. Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, síthi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.

17. Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;

18. ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, bàsindileyo, sàbamba ithemba elibekwe phambi kwethu, síbe novuselelo olunamandla;

19. ithemba ke esinalo ngokwaeankile* yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;

20. apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 6