Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 6:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singàbuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo,

2. ngelemfundiso yeembaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade.

3. Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.

4. Kuba abo bakha bakhanyiselwa, bàsiva isipho sasemazulwini, bàba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele,

5. bàyiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 6