Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 5:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla;(INdum. 2:7)

6. njengokuba esithi nakwenye indawo,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)

7. Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.

8. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;

9. waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,

10. ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.

11. Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe.

12. Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, ànaba ngabafanele ukudla okuqinileyo.

13. Kuba bonke abasasezwa amasi àbanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana.

14. Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 5