Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 5:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono;

2. enokuthantamisa kwabangazi nto nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwakhe enxitywe ubulwelwe.

3. Ngenxa yabo ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono.

4. Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron.

5. Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla;(INdum. 2:7)

6. njengokuba esithi nakwenye indawo,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)

7. Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.

8. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;

9. waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 5