Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 4:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe,Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:11)nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.

4. Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngawo umhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe;

5. athi kule kananjalo,Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.

6. Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangénayo kuko, baye abo, bashunyayezwáyo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva:

7. ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.(INdum. 95:7,8)

8. Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, angé engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.

9. Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.

10. Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.

11. Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.

12. Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 4