Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 4:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.

11. Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.

12. Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.

13. Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zizé, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.

14. Ngoko, sínombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, uYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu.

15. Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 4