Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 4:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Masoyike ngoko, hleze kuthi ekubeni kusasele idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho bani kuni ungáthi asilele.

2. Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; lathi kodwa ilizwi lodaba, lingadibananga nje nokholo kwabo baliváyo, alabanceda nto.

3. Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe,Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:11)nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.

4. Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngawo umhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe;

5. athi kule kananjalo,Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.

6. Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangénayo kuko, baye abo, bashunyayezwáyo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva:

7. ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.(INdum. 95:7,8)

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 4