Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 3:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelána ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu;

2. ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.

3. Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.

4. Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.

5. Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.

6. Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakúbamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 3