Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 2:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluváyo;

4. uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?

5. Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo.

6. Ke, wakha wangqina ubani, esithi,Úyintoni na umntu, le nto ùmkhumbulelayo?Unyana womntu, le nto umvelelayo?

7. Wamnciphisa kancinane kunezithunywa zezulu,Wamthwesa uzuko nembeko.Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho;

8. Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe.(INdum. 8:4-6)Kuba, ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto ezo, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kukaloku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.

9. Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.

10. Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezìse oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.

11. Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana,

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 2