Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 2:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.

2. Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo;

3. sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluváyo;

4. uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?

5. Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo.

6. Ke, wakha wangqina ubani, esithi,Úyintoni na umntu, le nto ùmkhumbulelayo?Unyana womntu, le nto umvelelayo?

7. Wamnciphisa kancinane kunezithunywa zezulu,Wamthwesa uzuko nembeko.Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 2