Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 13:21-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

22. Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane.

23. Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe; endothi, xa angaba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye.

24. Babuliseni bonke abakhokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayanibulisa abavela eItaliya.

25. Ubabalo malube nani nonke. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 13