Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 13:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe.

14. Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.

15. Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.

16. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.

17. Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona àbalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabayá kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.

18. Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, sínga ezintweni zonke singahamba kakuhle.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 13