Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:4-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.

5. Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi,Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi,Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;

6. Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha,Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.(ImiZek. 3:11,12)

7. Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongàqeqeshwayo nguyise?

8. Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana.

9. Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi?

10. Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.

11. Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.

12. Kungoko endithi, Zimiseni izandla eziwileyo, namadolo anedumbe;

13. iinyawo zenu nizenzele imizila ethe tye, ukuze into eqhwalelayo ingaphambuki endleleni, kanye ke iphiliswe.

14. Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo;

15. nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo;

16. kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe.

17. Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi.

18. Kuba anisondelanga ntabeni iphathwayo, itshayo ngumlilo, nasithokothokweni, nabumnyameni, naluqhwitheleni,

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12