Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi.

18. Kuba anisondelanga ntabeni iphathwayo, itshayo ngumlilo, nasithokothokweni, nabumnyameni, naluqhwitheleni,

19. nasandini saxilongo, nasithongeni samazwi, abathe abo basiváyo bacela kabukhali, ukuba kungabi sathethwa lizwi kubo.

20. Kuba babengenakukuthwala oko babeyalwa ngako; nokuba ithe inkomo yayichukumisa intaba, ibiya kuxulutywa ngamatye, ithi mhlawumbi ibinzwe ngomkhonto;

21. yaza loo nto yabonakalayo yoyikeka, kangangokuba uMoses athi, Ndiyoyika kakhulu, ndiyagubha.

22. Nisuké nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu,

23. kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,

24. nakuMlamleli womnqophiso omtsha, uYesu, nakwigazi lokufefa, elithetha ezona zinto zilungileyo kunelika-Abheli.

25. Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Ukuba ke abo, bamaláyo lowo wahlabayo izihlabo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kokungasindi kwethu, thina bamnikela umva lowo uhlaba esemazulwini;

26. olizwi oko lawuzamazamisayo umhlaba; ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.

27. Oku kùthi ke, Kusaya kuba ngumzuzwana, kubonakalalisa ukuguqulwa kwezinto ezizanyazanyiswayo, ngathi kokwezenziweyo, ukuze zihlale zona ezingenakuzanyazanyiswa.

28. Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12