Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngako oko ke, sínelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;

2. sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.

3. Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.

4. Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.

5. Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi,Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi,Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;

6. Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha,Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.(ImiZek. 3:11,12)

7. Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongàqeqeshwayo nguyise?

8. Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana.

9. Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi?

10. Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.

11. Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.

12. Kungoko endithi, Zimiseni izandla eziwileyo, namadolo anedumbe;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12