Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 11:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga ndawonye naye;

10. kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.

11. Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.

12. Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.

13. Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhlabeni.

14. Kuba abo bàthetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo.

15. Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.

16. Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.

17. Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo;

18. ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho;

19. ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko wamzuza ngokomzekeliso.

20. Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 11