Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 11:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.

9. Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga ndawonye naye;

10. kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.

11. Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.

12. Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.

13. Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhlabeni.

14. Kuba abo bàthetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo.

15. Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 11