Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 11:20-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.

21. Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe.

22. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli, wawisa umthetho ngawo amathambo akhe.

23. Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani.

24. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro;

25. enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana;

26. ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo.

27. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.

28. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi.

29. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu,* kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 11