Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:35-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.

36. Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.

37. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana,Athi lowo uzayo afike, angalibali.

38. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni;Ukuba ke úthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam.(UHabh. 2:3,4)

39. Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10