Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:29-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo?

30. Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo.

31. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.

32. Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu;

33. enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo.

34. Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli.

35. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.

36. Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.

37. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana,Athi lowo uzayo afike, angalibali.

38. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni;Ukuba ke úthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam.(UHabh. 2:3,4)

39. Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10