Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:16-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza naboEmva kwaloo mihla, itsho iNkosi,Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo,Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,

17. Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.(UYer. 31:33,34)

18. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.

19. Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha,

20. ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe;

21. sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo:

22. masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe,

23. silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga.

24. Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle;

25. singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.

26. Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10