Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Esìthe, ngokokuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye.

11. Wonke ke ongumbingeleli uma okunene imihla ngemihla ebusa, ewasondeza futhi kwawona loo madini, angenako nakanye ukususa isono.

12. Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo;

13. okokugqibela elindé ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe.

14. Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswáyo.

15. Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi,

16. Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza naboEmva kwaloo mihla, itsho iNkosi,Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo,Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,

17. Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.(UYer. 31:33,34)

18. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.

19. Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha,

20. ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe;

21. sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo:

22. masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe,

23. silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10