Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba umthetho, únesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bàwasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo.

2. Okanye angé engayekwanga na ukusondezwa, ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe nje kwaba kanye, bengasenasazela sazono?

3. Kusuke kuwo apho kubekho ukukhunjuzwa kwezono iminyaka ngeminyaka.

4. Kuba akunakwenzeka ukuthi igazi leenkomo neleebhokhwe lisuse izono.

5. Kungoko, akùngena ehlabathini, athi,Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla,Ke ùndilungisele umzimba;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10