Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 6:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.

10. Njengoko singáthi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.

11. Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.

12. Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba nalùswe; benzela nje kodwa ukuze bangàtshutshiswa ngawo umnqamelzo kaKristu.

13. Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba nalùswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.

14. Mna ke mandingàkhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.

15. Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.

16. Bonke ke abahamba ngaló mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.

17. Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.

18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 6