2. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;
3. kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
4. Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;
5. kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
6. Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
7. Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;
8. ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
9. Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
10. Njengoko singáthi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.