Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 6:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungàhendwa nawe.

2. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;

3. kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.

4. Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;

5. kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.

6. Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.

7. Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;

8. ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

9. Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 6