Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 5:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.

10. Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.

11. Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? — singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.

12. Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.

13. Kuba nina nabizwelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.

14. Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

15. Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.

16. Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.

17. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.

18. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.

19. Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyilé: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 5