Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 5:17-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.

18. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.

19. Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyilé: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,

20. ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,

21. oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo

22. Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;

23. akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.

24. Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.

25. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.

26. Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 5