Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 5:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.

2. Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe nalùka, uKristu akasayi kuninceda lutho.

3. Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.

4. Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.

5. Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.

6. Kuba kwabakuKristu Yesu àkunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.

7. Nibé nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?

8. Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.

9. Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.

10. Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.

11. Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? — singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.

12. Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.

13. Kuba nina nabizwelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.

14. Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 5