Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?

10. Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.

11. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.

12. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.

13. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.

14. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.

15. Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika.

16. Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4