Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:7-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngoko ke àkusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.

8. Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;

9. ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?

10. Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.

11. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.

12. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.

13. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.

14. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.

15. Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika.

16. Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?

17. Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani.

18. Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni.

19. Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,

20. bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.

21. Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?

22. Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.

23. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4