Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:22-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.

23. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.

24. Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;

25. Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.

26. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.

27. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo;Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba;Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.(UIsaya 54:1)

28. Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.

29. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.

30. Síthini na ke sona isibhalo? Síthi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.

31. Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4