Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:2-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.

3. Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi.

4. Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,

5. ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.

6. Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha,* Bawo.

7. Ngoko ke àkusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.

8. Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;

9. ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?

10. Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.

11. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.

12. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.

13. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.

14. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4