Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 4:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke;

2. iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.

3. Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi.

4. Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,

5. ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 4