Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?

3. Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na?

4. Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza.

5. Lowo ngoko ùniphayo uMoya, ùsebenza imisebenzi yamandla kuni, úkwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, úkwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na?

6. njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.

7. Yazini ngoko ukuba ábaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham.

8. Isibhalo, síbona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga.

9. Ngoko ke ábaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo.

10. Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.

11. Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ùlilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3