Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);

14. ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.

15. Bazalwana, ndithetha ngokwabantu: kwanowomntu umnqophiso ozinzisiweyo, akukho namnye uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo.

16. Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.

17. Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omané anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.

18. Kuba ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga.

19. Uyintoni na ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ukude ifike imbewu leyo yayibekwe ngedinga; wamiswa ngezithunywa zezulu, sisandla somlamleli.

20. Ke umlamleli akamnye; uThixo ke yena mnye.

21. Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.

22. Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.

23. Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa.

24. Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.

25. Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3