Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 3:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?

2. Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?

3. Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na?

4. Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza.

5. Lowo ngoko ùniphayo uMoya, ùsebenza imisebenzi yamandla kuni, úkwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, úkwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na?

6. njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.

7. Yazini ngoko ukuba ábaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham.

8. Isibhalo, síbona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga.

9. Ngoko ke ábaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo.

10. Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.

11. Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ùlilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni.

12. Wona ke umthetho asingowaselukholweni; úthi, Umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.

13. UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);

14. ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 3