Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 2:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile* babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);

9. kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga;

10. bona ke baye kwabolwaluko; bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.

11. Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.

12. Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.

13. Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.

14. Xenikweni ke ndabonayo ukuba àbathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 2