Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumagalati 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndaza emva kweminyaka elishumi elinaminé, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.

2. Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.

3. NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba alùke:

4. ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswáyo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.

5. Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

6. Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba bàbedume ngobuntó ababhekisanga nto kum.

7. Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko

8. (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile* babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);

9. kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga;

funda isahluko epheleleyo Kumagalati 2